Iziko elinguvimba weembali iNelson Mandela: Mthatha - Qunu - Mvezo
 

Malunga neli ziko lembali

Emva kokukhululwa kwakhe kwisiqithi iRobben Island, uNelson Mandela, nanjengoMongameli waseMzantsi Afrika wokuqala owonyulwe ngentando yesininzi, uzuze inani eliphawulekayo lezipho zivela kuluntu lwaseMzantsi Afrika nakolwamazwe aPhesheya bemncoma bekwambalula ngendima ayidlalileyo kumzabalazo woxolo, inkululeko nedemokrasi eMzantsi Afrika nakwilizwe lonke.

Esamkela ezi zipho uchaze ukuba konke oko ukwenze ngenxa yabantu bonke baseMzantsi Afrika wanabisa umnqweno wokuba lo msebenzi ube kumboniso ze kuxhamle kwaye ibe ngumbulelo kwisizwe, uboniswe kwilali okanye ngakwilali yakowabo iQunu eMpuma Koloni.

Kungenxa yeso sizathu eli ziko liqulathe isakhiwo esinomtsalane iBhunga esiseMthatha esiyinxalenye yesakhiwo esiseQunu kwaneziko elinguvimba wembali elisesidlangalaleni eMvezo.
Bhunga
Click to view an enlarged imageIsakhiwo esinembali esiyiBhunga sithwele umboniso ophawula indlela kaNelson Mandela ayichaza ngokunokwakhe nebaliswa kwincwadi engobomi bakhe- “INdlela eNde eya eNkululekweni”

Kananjalo iBhunga inomboniso wocweyo lwezipho eziziintlobo ngeentlobo ezivela kumazwe aphesheya, nezathi zamkelwa nguMadiba ngethuba lokongamela kwakhe eli lizwe.



Click to view an enlarged image
 

Mvezo
Ilali yaseMvezo kwanabahlali bayo ithwele umyalezo owahlukileyo woxolo. Yakhelwe phakathi kobukhazi-khazi bomhlaba okummandla owahlukileyo, kule lali kulapho isiseko sikaMandela siphuma khona apho ubani athabatheka yinzolo ekulo mmandla ekwathi imveku enguMandela yazalelwa.


Qunu
Click to view an enlarged image

Apha eQunu, kulapho igatya lomfana uRolihlahla lafumana igama elitsha elinguNelson, eli gama laba lelomphehlelelo nanjengoko oko kwakusisithethe kwizikolo ezazilawulwa ngabefundisi baseNtshona nawathi wafunda kuso.

Kwincwadi yakhe ethi “iNdlela eNde eya eNkulukweni” , uMadiba ubalisa ukuba iQunu kulapho wayetshila khona ngamathuba olonwabo esebutsheni bakhe.

Namhlanje iQunu yilali enesimo esitsha ikwadlamkile apho kubunjwa khona iziko loLutsha neleLifa.

Iintshukumo ezicwangciselwe eli ziko zibandakanya iinkqubo zolutsha neziqalelo zophuhliso lwezokhenketho.



Quote
 

Sijolise ekubeni sibe liziko elinovimba wembali eliphilileyo elifukame uphuhliso kwaye libe ngumnikelo ofanelekileyo kumnombo kaNelson R Mandela, ososisiqhamo soBuntu.

Funda ngakumbi ngombono, umkhomba-ndlela nexabiso kwalapha
 

Quote
 


Phengulula ingxelo yethu yonyaka

 

Quote
 

Eli ziko liphantsi kolawulo looceba abonyulwe ngumphathiswa. Ikansile yona yonyula igosa eliyintloko eliphetheyo.

Funda ngakumbi ngolawulo lweli ziko apha.