 |
| |
Ngo1940
UNelson Mandela wagxothwa kwaNokholeji (iYunivesithi yaseFort Hare) ngenxa yokubandakanyeka
kwakhe kumzabalazo wabafundi.
Ngo 1444
UMandela wabaluncedo ekuqulunqweni kombutho kaKhongolose
wolutsha iAfrican National Congress Youth League.
|
|
|
IBhunga ingacazululwa njengekansile okanye indawo yebhunga.
Iyeyelane namagama anjengala: Liqoqo, Lekgotla, Imbizo,
Indibano, Ingxoxo nj-njl.
|
- Sihlalo seKansile yesiDlangalala
yeButho leMimmandla yaseTranskei (United Transkei
Territory General Council)
- Sihlalo seNdibano yoMthetho waseTranskei(Transkei
Legislative Assembly)
- Sihlalo sePalamente yobuRhulumente
baseTranskei ( Republic of Transkei Parliament)
|
Ikhe
yathwala ulawulo lweposi kunye nengxowa yaseTranskei(
Transkei Postmaster General kunye neTranskei Treasury).
Kutshanje ngethuba lotshintsho loburhulumente bolawulo lwangaPhakathi
ikhe yathwala uMasipala wesiThili saseNciba obesandulela umasipala
olawula lo mmandla ngoku oyiKing Sabata Dalindyebo Local Municipality.
IBhunga iqalise ukusebenza njengeziko likavimba wembali kususela
ngomhla we 11 kuFebruwari 2000 ekuthe emva koko buphuthu-phuthu
kwalandela uvuselelo lwayo.
Ngama40 eepesenti esi sakhiwo asetyenziselwa imiboniso, iinkonzo
zokulungiselela iindwendwe, iinkqubo zesidlangalala, uvimba wengqokelela
nolawulo lweli ziko.
Intsalela yama60 eepesenti ilindele ukuba isetyenziswe
kuphuculo lwesi sakhiwo oluza kuqhutywa kungentsuku zatywala
 |
Zivela
ibali lokwenyani likaMadiba elibalisa ngokwakhe
kanye ngethuba lobuntwana, lobutsha nelalingqamene
naye.
- Nikwa umdla yintlaninge neentlobo
zabantu abachukumiseke sisimo aphile kuso uMnu
Nelson R Mandela
- Ukuxananaza nokubunjwa kwendlela
abalulwe ngayo
- Ukuthabatheka kwabantwana zizinto
ngezinto zalo mboniso
- Ukuhlangana nabantu abohlukeneyo
ngaphakathi, kwizwelonke nabamazwe aphesheya
|
Abasebenzi bethu abaqeqeshiweyo bancedisa apho kukho
imfuneko ngokukujikelezisa kweli ziko, bekuchazela banzi
ngamafutshane ngemvelaphi ebalulekileyo ngale ngingqi
kwanangeendawo ezinika umtsalane kubakhenkethi ezingqonge
esi sakhiwo.
 |
-
UMnu Nelson Mandela ngokwakhe (ngokungathandabuzekiyo)
-
USekela-Mongameli
uMnu JG Zuma
- Abaphathiswa-abakudala nabangoku
- Iinkokheli zakwaNtu
- Unjing Ali Mazrui
- Unjing Ngugi wa Thingo
- Unjing Kole Omotoso
- Ohloniphekileyo uNozaku zaku waseMelika
uMnu Cameron Hume
- Unozaku-zaku Tonishori Shigeie
waseJapani
- Ukhomishina omkhulu waseTanzania
- Abameli abangama28 abafundi abasuka
kumazwe aseAfrika ali17
-
Abameli abasuka kwiziko likavimba wembali
yesizwe saseKenya
-
Oosomashishini beBusiness Trust Fun Run jikelele
eMzantsi Afrika
-
Ababekhona ngethuba kusenziwa isikhumbuzo
sokugqiba iminyaka engama90 kweNative Land
Act eyahlutha imihlaba kubantu abamnyama baseAfrika
(ibonakala kakuhle kweli ziko)
-
Imiboniso eyahlukeneyo
-
Ikomishini i-American Fullbright yaseMelika
-
Ababhali abakukhenketho bamazwe aphesheya,
amasebe eendaba amazwe aphesheya kunye namaziko
osasazo lukamabonwakude(TV)
|
Ngokungathandabuzekiyo,
asinokukulibala ukuba abantwana bayintandane kuMadiba
, xa betyelela eli ziko basoloko bethabatheka bevuyiswa
kukuva imbali kaMadiba, izipho ezisuka kumazwe jikelele
bethabatheka ngakumbi yimifanekiso yakhe.
Nangona ukhenketho nemiboniso zizezona nto zibonakala
kuwo onke amaziko anovimba wembali, uluntu oluhlala kufutshane
neli ziko luyibona ngenye indlela-lubona kuphuhla inkqubo
engapheliyo, enoqoqosho, inkcubeko, imfundo kwanokuvuleleka
kwamanye amathuba.
|