Iziko elinguvimba weembali iNelson Mandela: Mthatha - Qunu - Mvezo
 

IMvezo-Indawo yokuzalwa

Quote
 

"Akukho bumnandi bunje ngokubuyela kwindawo esoloko igcine imbali nobume bayo ekwenza uzifumanise khona inguqu yobuqu bakho."

Nelson Mandela

 

Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo IMvezo, yindawo ekhethekileyo, ililiwa lokuphambukela kwaye ithe gu bucala emgaqweni, ayikhankanyeki kwizigigaba zeli lizwe, yindawo apho ubomi busaphilwa ngendlela endala yezizukulwana ezingaphambili kwiminyaka eyinkulungwane, nxa ingaphindwa-phindwanga kalikhulu kunoko. Inomfanekiso womhlaba owandlaliweyo ngakumlambo ongcwengileyo iMbhashe. Umhlaba lowo walatha ukutshaza kwanokushinyana okufihlakele kwimbali nakumoya ozolileyo wale ndawo. Ngokwenene, ufumana ithuba lokuhlaziyeka emoyeni nasempilweni kule ndawo.

‘UMzantsi Afrika ngumongo wobuntu’ IMvezo ngumongo kaNelson R Mandela'

Ngabantu abanesidima noxolo abahlala apha eMvezo, banobuhlwempu kodwa bezizityebi ngokwasemphefumlweni. Ngabantu abazingcayo bezimisele ukwakha ubomi obungcono babo nobesizukulwana esitsha.

Iiprojekthi ezikhoyo nommango ofanele kukuhanjwa yile lali yaseMvezo zibandakanya:
Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo
  • Ukhenketho nembali ngamanxiwa omzi owawungowokuqala wakwaMandela apho uMandela wazalelwa khona kwanendlu apho lo kaMandela azalelwa khona.
  • Ukuhlolwa kwesiza akukagqitywa ngokupheleleyo
  • Ukuphuculwa kwezixhobo zokulolonga impilo kwanemfundo okwenziwa ngurhulumente wephondo
  • Ufakelo lombane
  • Amanzi angcwengileyo alungele ukuselwa ngabantu, imisele yamanzi yokusela izilwanyana noncedo olulungiselelwe ukuxikixela impahla olu ncedo lwamanzi lutsalwa kweli ziko de abe ulawulo loburhulumente bale ndawo linokuphumeza uncedo lwale nkonzo.
 
Amagqabantshi-ntshi kubakhenkethi ngala:
Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo
  • Ukuzibonela nokufumna umnqa ngendlela uNelson R Mandela aqale ngayo umzabalazo
  • Ukufumanisa umoya ozolileyo
  • Ukuzifumanela ukuba akukho mntu obomi bakhe unokubazi ngaphambili
  • Ukutyelela nje enye indawo ethe gu bucala kwezo ziqhelekileyo
  • Ukunambitha umzobo omhle womhlaba
  • Ukuphonononga umfanekiso omhle, ukubona uMlambo iMbhashe owahlule indawo apho uNelson Mandela azalalewa kuyo kuleyo kwazalelwa kuyo uMongameli olawulayo ngoku eMzantsi Afrika uThabo Mbeki
KuNelson Mandela, iMvezo inentsingiselo ebalulekileyo

Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo

  • Ngokwesiko, inkaba yakhe yombelwa apha, ngoko ke ingumhlaba wengcambu yakhe.
  • UMandela uphuma kumnombo weenkosi phakathi kwesizwe sabaThembu, uyise wayeyinkosi yale ndawo phambi kokuba abhukuqwe ngurhulumente wabamhlophe.
  • Nangona nje uMandela wayesele eyimveku ngethuba babehlala eMvezo, ubhukuqo lukayise nokufudukela kwabo eQunu kwavula ingqondo yakhe ekuqapheleni ucalu-calulo obelusenziwa ngabamhlophe de waphuma iphulo lokulwa notshaba loburhulumente olwalucinezele abaNtsundu.