Iziko elinguvimba weembali iNelson Mandela: Mthatha - Qunu - Mvezo
 
IQunu- ikhaya elisezilalini

Quote
 

"Ndihambe indlela ende eya enkululekweni. Ndizamile ukuba ndingenzi zimposiso, ndizenzile iimpazamo endleleni. Kodwa ndifumanise ihlebo lokuba emva kokuqabela induli eziphakamileyo, ubani ufumanisa ukuba kusekho ezinye iindulu amele kukuziqabela,”
Nelson Mandela

 

IQunu kulapho uNelson Mandela aphawula into yokuba wachitha iimini zobumnandi zobutsha bakhe, esalusa, equbha emilanjeni ezitshitshilizela “kwiLitye lokuTshitshiliza”

Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyoNgethuba uyise etshutshiswa eyekiswa ebukhosini baseMvezo ngumantyi omhlophe usapho lwakowabo lwasabela eQunu. Kulapho inkwenkwana enguRolihlahla yanikwa igama njengesithethe saseNtshona elithi Nelson ngosuku lwakhe lokuqala esikolweni.

Namhlanje iQunu ishinyene ziilali ezingqongwe ngamadlelo neenduli ezimqengqelezi. Iinduli nemisele zigqunywe yingca eshinyeneyo zichokozwe yimihlambi yeenkomo neegusha kwaneebhokhwe. Ekuseni umqhagi uyakhonya uvusa abahlali ekutshoneni kwelanga abelusi bazisa imihlambi yeenkomo emlanjeni iQunu ukuba usele, apho inkwenkwana enguMandela yayikonwabele ukuqubha eyolisa iingcamango zakhe ngemidlalo edlalwa ngasemlanjeni.

Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo Namhlanje amakhwenkwe ale lali aqengqeleka kwizitalato zale lali- ekhwaza ngemilozi- kumabala emidlalo yebhola ekhatywayo angagqitywanga ukulungiswa ukuza kudlala okanye ukudlamkisa abahlobo babo abadlala ibhola.

Ngenye indlela, ilitye elithambileyo elithambekileyo liyindawo yokudlalela okanye ukutshitshiliza.

Uluntu lwalapha lwamkela ngobubele kwaye luyakuthakazelela ukwaba izimvo zalo nebali elingonyana oyintandane kulo. Lusaqhubeka nokufuya ngendlela yesiNtu.

IZiko loLutsha noMnombo likwindawo yaseQunu kwaye liqulathe icandelo lesibini leNelson Mandela Museum.

Ngamathuba eeHolide zehlobo iQunu iyadlamka nanjengokuba uMadiba ngokwakhe esingatha umnyhadala wolonwabo weKrisimesi yabantwana, ebakumanqwanqwa omnyaka.

Ezisemanqwanqweni kubakhenkethi
  • Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyoIsakhiwo seCawa yaseBantu esasifudula sisisikolo samabanga aPhantsi saseQunu awayefunda kuso uMadiba nekungoku sixhaswa ngemali lisebe eliyiSouth African Heritage Resources Agency.
  • Iinduli ezimqengqelezi
  • Abafazi babaThembu/maXhosa abohlukileyo bevathe ezimbejembeje izinxibo zakwaNtu bechokozile ebusweni ukuzihombisa ubuhle babo nokukhusela izikhumba zabo ezibuthathaka kwilitha lelanga elitshisayo.
  • UMoya ococekileyo novuselelekileyo
  • Iimpondo zenkunzi yenkomo ezingqamene nelanga ezikhanyiswa yinyanga
  • Icawa apho uNelson Mandela waphehlelelwa khona
  • Imifula apho inkwenkwana enguNelson R Mandela yayiqubha kuyo
  • Amadlelo apho inkwenkwana enguNelson Mandela yayisalusa umhlambi weenkomo neegusha
  • Amangcwaba osapho lakwaMandela
  • Indlu yokuphumla kaNelson Mandela
  • Ngenene yilali kaMandela – ngokomlibo wokuzalwa
  • IZiko loLutsha noMnombo iNelson Mandela Youth and Heritage Centre(isakhiwa)