Iziko elinguvimba weembali iNelson Mandela: Mthatha - Qunu - Mvezo

Ixesha lobomi-Amanqanqwa ngobomi bukaMandela


Imbalana emfutshane ngoNelson Mandela
UNelson Mandela wathabathela kuye umzabalazo. Useyinkokheli ekulweni iziphumo ezibangelwe lucalu-calulo ekwenza oko ngesibindi nomonde emva kokuchitha isithuba senkulungwane ezintathu entolongweni.

Ubomi bakhe babucala ubunikezele kwanobutsha bakhe esenzela uluntu, kwaye umi njengekhalipha eliphambili elaziwayo nelithandwayo eMzantsi Afrika.

UNelson Rolihlahla Mandela wazalelwa eMvezo ngaseMthatha, kumhlaba waseTranseki, eMpuma Koloni ngomhla we18 kuJulayi ka1918. Emva kokutshaba kukayise wakhuliswa kujongwe ekubeni angene ezihlangwini zikayise njengenkosi yabaThembu. Amaphupha akhe ajolise ekubeni abe ligqwetha.

Emva kokugqiba izifundo zakhe zamabanga aphantsi wathunyelwa eHealdtown ukuba alandele ekhondweni lemfundo ephakamileyo apho waphumelela khona ibanga leshumi. Wangenela izifundo zesidanga seBachelor of Arts kwanokholeji. Kulapho wonyulwa ukuba amele abafundi kwikansile yombutho wabo, nto leyo yaba sisizekabani sokugxothwa kwakhe ezibandakanye kakhulu kumzabalazo wenkululeko.

Wasinga kwilizwe laseRhawutini apho wasebenza khona njengomabhalana waqhubekeka ngezifundo zomthetho zeLLB. Ngonyaka ka1942 uzimanye nombutho kaKhongolose i-African National Congress. Ngo 1944 kwazalwa umbutho womzabalazo wolutsha i-African National Congress Youth League. Abahlobo bakhe ababekunye naye bathabatheka ngokukhawuleza ziimbono zikaMandela de bamonyula njengomongameli weANCYL ngo 1947.

Iinjongo zeANCYL zazijolise ekubeni bafumane amalungelo abo ngokuzeleyo nanjengabemi belizwe abapheleleyo, kananjalo abemi bonke baseMzantsi Afrika bamelwe epalamente, kwabiwe imihlaba ngokulinganayo, kwanemfundo efanayo nokuhlonitshwa kweenkcubeko zabemi bonke belizwe. Lo mbutho wagxininisa ekulweleni imfundo engahlawulelwayo kubantwana bonke baseMzantsi Afrika.

Ngo 1952 ngethuba iANC imisela uKhankaso lokuziKhusela kwimithetho yocalu-calulo wazinikela ekulukhokeleni. Waligqiba lonke ilizwe elungiselela ekwakhuthaza impikiswano nemithetho yobandlululo. Wabanjwa waze wanikwa isigwebo sokuba angaqhubekeki nalo msebenzi wakhe. Wavalwa ekubeni alungiselele okanye azimase iindibano waze wanikwa isibophelelo sokuba ahlale eRhawutini isithuba seenyanga ezintandathu.

Emva kokwamkelwa njengegqwetha, wavula indawo yokusebenzela eRhawutini esebenzisana noOliver Tambo. Ngo1952 wanikwa igunya lokuba enze isicwangciso sequmrhu elilungiselelwe iANC. Sabizwa ngokuba yiM-Plan eyathiywa ngaye. Wadlala indima enkulu ekwaziseni iFreedom Charter.

Ngesithuba seminyaka yama50 waguqukela ekulweleni uxhatshazo lwabasebenzi nocalu-calulo lokungavulelwa kwabafundi eziyunivesiti.

Wahlukaniswa nentsapho yakhe, esuswa kwenye indawo esiwa kwenye kwafuneka azimele kuzo zonke ezo ndlela wayefuna ukuzihamba.

Ngo1961, uMkhonto weSizwe, ongamaphiko omkhosi we-ANC wamiselewa kwaye uMandela waba ngumlawuli wawo. Walishiya ilizwe lokuzalwa wasabela kumazwe aphesheya ngokungekho semthethweni.

Ekubuyeleni kwakhe, uMandela wabanjwa wafakwa eluvalelweni. Ngethuba ethothozela ityala lakhe eluvalelweni wagwetywa ngetyala leRivonia.

UMandela wagwetywa ubomi entolongweni waze wachitha iminyaka yakhe yokubanjwa yokuqala kwintolongo yaseKapa ekuthiwa yiRobben Island . Ngo1984 wafuduselwa ePollsmoor Prison ngoDisemba ka1988 wafuduselwa kwintolongo iVictor Vester nalapho wathi wakhululwa ngephanyazo ngoFebruwari ka1990.

UMandela akaguqu-guqukanga kubizo lwakhe lokukhokelela ilizwe kwidemokrasi, ukulingana ekuhlaleni kwanangamalungelo, nemfundo elinganayo. Emva kokukhululwa kwakhe wabanguMongameli wokuqala omnyama eMzantsi Afrika.

Waphumelela -1993 Nobel peace prize (kunye noFW De Kerk) emele bonke abemi boMzantsi Afrika, ethubeni uye wanikezela ngobunkokheli kuThabo Mbeki ngo1998.

Ukususela ngoko wachitha ixesha lakhe ekufuneni inkxaso yeChildren Foundation kwaye ubeyinkokheli ekulweni isifo sikagawulayo nentsholongwane yaso.