Iziko elinguvimba weembali iNelson Mandela: Mthatha - Qunu - Mvezo
 

Iinkcukacha kubakhenkethi

Ukhenketho lweli ziko likavimba wembali eliyiNelson Mandela Museum luqala kwisakhiwo iBhunga apho uyakufumanisa kukho incwadi kaNelson Mandela ethi ‘Indlela eNde eya eNkululekweni’ ebhalwe nguye uqobo ikumboniso, nengqokelela yezipho azifumanayo eluntwini nakuburhulumente kwihlabathi lonke.

Kude kufuphi nesakhiwo iBhunga, sisiza esiseQunu, apho akhulele khona ngethuba lobuntwana bakhe, icawa apho waphehlelelwa khona wathiywa igama elithi Nelson, iLitye Lokutshitshiliza apho wayethanda ukudlala khona eseyinkwenkwana nemilambo kwanamadlelo apho wayekonwabele ukwalusa umhlambi weegusha neenkomo zikayise.

Ukhenketho luyaqhubekeka lufikelele nakwindawo ezolisa umphefumlo ngefuthe womoya ozolileyo ndawo leyo iyiMvezo, uzalelwe kule ndawo kwaye inkaba yakhe yombelwe apha. Kukwakho neziko elivulelekileyo likavimba wembali apho uthana mandla nembali ngendlela avumbuluke ngayo uMadiba kumzabalazo. Yindawo nje enika umdla ebekekayo xa uyibuka ngenxa yomlambo iMbhashe owahlule ikhaya likaMandela kwikhaya likaMongameli Thabo Mbeki.



Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo

Ukhenketho lweziko likavimba wembali kaMandela yesizwe
Eli ziko iMandela National Museum Tour libonisa imbali eyahlukileyo yobomi bukaNelson Mandela. Xa uyimamele uyibuka ikuhambisa ekhondweni likaMandela, isiqalelo sakhe nengcambu yakhe engqongwe yinkcubeko, imveli nembali nto ezo zenze ifuthe ekubumbeni nasekuphuhliseni ubomi bakhe.

Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo

Umboniso wencwadi ethi "INdlela eNde eya eNkululekweni"

"INdlela eNde eya eNkululekweni" ekumboniso kweli ziko ayibalisa ngokwakhe, ikrobisa ubani kwizinto ezamnika umdla zaphuhlisa ubomi bobuntwana bakhe, zamenza iqhawe lenkululeko de abe ngummeli weli lizwe kumazwe aphesheya.



Abahlonipheki abakhe batyelela eli ziko

  • Unozaku-zaku waseJapan
  • UNozaku-zaku waseMelika
  • UNjingalwazi Ali Mazri
  • UNjingalwazi Ngugi Wa Thiongo

Ukhenketho lwabafundi:

Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo

Abafundi abasuka kwilizwe lonke jikelele bazile nabo ukuza kungqina bafunde ngeli qhawe lelizwe, uyise wesizwe, de benza izifundo zophando ngaye. Iinkqubo zemfundo ezininzi zithatyathiwe kweli ziko.

Abantwana bafundiswa ngembali yale ndoda esiyithanda sonke :UMadiba " oxabisekileyo, ondilisekileyo, onentlonipho kunye noBuntu.

Inani labakhe batyelela eli ziko

FOR = Abakhenkethi bamazwe aphesheya
DOM = Abakhenkethi bamazwe angaphakathi
LOC = Abakhenkethi beli lizwe
LEA = Abafundi



Ngolwazi oluphangaleleyo ngokhenketho, ukuqesha indawo yokhenketho, imibuzo kunye nokucela ukugcinelwa indawo yokuqesha ungaqhagamshelana:

Nokuzola Tetani/ Tembakazi Mvitshane
Tel: +27 (0) 47 532 5110
Fax: +27 (0) 47 532 3345
Email: tours@nelsonmandelamuseum.org.za
www.mandelamuseum.org.za