Iziko elinguvimba weembali iNelson Mandela: Mthatha - Qunu - Mvezo

Abakhenkethi bayahlomla

Noko Mokoka,

Bethlehem , Free State

"Ndithabatheke kakhulu ndinikwa umdla ngokwaqhubekyo ngaphambili 22/06/2004 22/06/2004

Mrs. Noxolo Ngceku

16 Briton Str, Langa, Cape Town 7455
7455 Sisuka kufunda eKapa iindawo ezo zivumela lula kuba kwazi kufunda, sifunde lukhulu ngeli ziko kulungile ukugcina nokuyichaza imbali yethu. Phambili ngalo msebenzi mhle.Yimbali entle. 11/06/2004

Thembakazi Dekile

Bizana
Andizange ndimbone ubuso ngobuso uMandela, simbone phela koomabonakude ndinqwenela ukumbona ngenye imini. 08/06/2004

Ryla Pennre

Niagora College , Canada
Eli ziko likwazile ukubonisa kakuhle ubukhulu bale ndoda inguMandela 20/06/2004

Charlene Hawkes

42 Msintsi, Hillcrest, Mthatha
Ndinqwenela ukuba le mbali ibe yayikho kwasekuqaleni inemifanekiso nembali ezeleyo ngoMandela nosapho lonke, unina, uyise nembali ezeleyo yentsusa yokongamela kwakhe 21/06/2004
Browley, Mthatha umntu angayiqonda kakuhle imbali edlulileyo nomzabalazo wenkululeko. Ingaba eli ziko alingekwazi na ukugcina ibhokisi elungiselelwe iNelson Mandela Children's Fund? 12/06/2004
Akaziwa Ndikonwabele ukuba kweli ziko kodwa ingangumbono omhle ukuba kubekho ivenkile yekhefi okanye yesiselo sempingo. umhla awuphawulwanga
Akaziwa Eli ziko liyamangalisa. Makongezelelwe ivenkile ethengisa ngezipho. umhla awuphawulwanga





Shiya umyalezo
 

Siyazithakazelela naziphi na izimvo. Ukuba uthanda ukushiya umyalezo, nceda usithumelele imeyile

Imeyile: info@mandelamuseum.org.za