Iziko elinguvimba weembali iNelson Mandela: Mthatha - Qunu - Mvezo
 

Wamkelekile

UNelson Mandela singambalula njengenye yeenkokheli zala maxesha ethu ezindilisekileyo yezopolitiko: uliqhawe kumazwe onke nelithe ukunikezela kwalo ngempilo yalo yobomi balo yonke ekulweni ucalu-calulo ngokobuhlanga eMzantsi Afrika kwamphumelelisa imbasa yoxolo ekuthiwa yiNobel Peace Prize nokuba abenokulilawula ilizwe lakhe.
Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo

Kususela kuloyiso lokukhululwa kwakhe ngo1990, kwisithuba esingaphezulu kwekota yenkulungwane sokubanjwa, uMandela ubekumbindi woqhushululu olunyanzelisa nolukhuthaza umzabalazo wezopolitiko, ngeenjongo zokwakha isizwe saseMzantsi Afrika esikhululekileyo.

Njengenkokheli yombutho kaKhongolose, i-African National Congress, kwanentloko kwintshukumo yokulwa ucalu-calulo eMzantsi Afrika, ube sisixhobo sokukhokelela isizwe saseMzantsi Afrika kulawulo loburhulumente obumanyeneyo ngokweentlanga nakulawulo lwesininzi. Ubekekile kuzo zonke iindawo njengesixhobo esinamandla sokulwela amalungelo oluntu nolungelelwaniso ngokobuhlanga.

INelson Mandela National Museum (iziko elinguvimba weembali) ivule iingcango zayo ngomhla we 11 kuFebruwari 2000 kwaye ityelelwa ngamakhulu-khulu abemi boMzantsi Afrika nangabakhenkethi bamazwe ngamazwe minyaka le. Ijongwe njengenye yeendawo zamaziko aseMzantsi Afrika aphawuleka kakhulu ngokuqulatha uvimba womnombo.

Eli ziko lembali liqulathe umboniso wencwadi kaMandela ethi “Indlela eNde eya eNkululekweni” ncwadi leyo inika inkcazelo ebanzi nezeleyo ngobomi bakhe.

‘ iziko eliphilileyo elinguvimba wembali, elifukame  uphuhliso ikwanikezelwe ngemfanelo  kuNelson R Mandela’

Cofa ukuze ubone umfanekiso owandisiweyo kwaye igcina ingqokelela yezipho ezinikezelwe kuMandela. Eli ziko lakhiwe kwidolophu yaseMthatha, eMpuma Koloni , Mzantsi Afrika, ikwelinye lamaphondo ahlelekileyo kweli lizwe kwaye abemi bona bayazingca kakhulu ngentandane engunyana wabo.

UMandela ugxininise ekubeni eli ziko lale mbali linganikezelwa nje lula kuye kuphela. Endaweni yoko libe nendima eliyidlalayo ekubeni sisixhobo nomandlalo wokuphakamisa nokuphuhlisa uluntu lwale ndawo.

Eli ziko lovimba wembali limanyene neSebe lezeboGcisa neNkcubeko kwanenye yeeprojekthi zesizwe ekuthiwa yiNational Legacy Projects.




Isicatshulwa
 

Ixesha lam lonke lobomi bam ndilinikezele kumzabalazo wabantu abamnyama baseAfrika, ndilwe ubandlululo obelusenziwa ngabamhlophe, kwanobandlululo lwabamnyama. Ndithakazelele umbono wesizwe esinedemokrasi nesikhululekileyo nalapho umntu wonke ahlala ndawonye ngoxolo phantsi kwamathuba alinganayo.

Nelson Mandela, June 1964.
Ityala leRivonia (Rivonia trial) phambi kokuba atshutshiswe esingelwa phantsi ekwabekwa ityala.

 
Sebenzisa isibambi esinesandi